IAfriForum ivakalisa amazwi ovelwano ngokusweleka kukaNkosi Mpumalanga Gwebingqele Gwadiso
IAfriForum ibe buhlungu ukuva ngokusweleka kukaNkosi Mpumalanga Gwebingqele Gwadiso, uSihlalo WeNdlu Yeenkokeli Zemveli NezamaKhoisan KwiPhondo LeMpuma Koloni, okwayiNkosi (inkokeli yemveli ephambili) YeSizwe Semveli SakwaKhonjwayo.
UBarend Uys, oyiNtloko YezoBudlelwane NeNtsebenziswano Phakathi KweeNkcubeko KwiAfriforum, uthi uNkosi Gwadiso uya kukhunjulwa ngobunkcubabuchopho, nobubele, nokuba yinkokeli ebakhonzayo abantu bayo. “UNkosi Gwadiso ube enobunkokeli obuneempawu ezingajikajikiyo ezizezi: ukuzinikela, ukuyimela into ngokuzingileyo, nokuzimisela, nobabalo ngakwabanye abantu. Ukungabikho kwakhe kuza kuvakala kuzo zonke iinkokeli kunye namaqela abantu beenkcubeko zonke kuyo yonke iMpuma Koloni le, nakulo lonke ilizwe eli lethu. Ube esiphethe ngembeko isidima sabaphantsi bakokwabo; ke nathi siya kuhlala simkhumbula ngembeko,” utsho umfo kaUys.
“IAfriForum ivakalisa ngentliziyo yayo yonke amazwi ovelwano kuSapho Lwakomkhulu KwaGwadiso, nakwiSizwe Semveli SakwaKhonjwayo, nakwiNdlu Yeenkokeli Zemveli NezamaKhoisan KwiPhondo LeMpuma Koloni. Sithandazela ukuba luthuthuzeleke usapho lukaNkosi Gwadiso, bathuthuzeleke nabantu benkcubeko yakhe, kwanabo bonke abo bebesebenza naye njengenkokeli yabo. Sithandazela ukuba uBawo wethu OseZulwini abaphe amandla nokomelela ngexesha lomngcwabo ngomso nakwiintsuku ezizayo abaza kuba besesentlungwini ngazo,” uqukumbela atsho umfo kaUys.



