|

Ukuzingisa okungapheliswa nto kuqinisekisa impumelelo yelinge lobambiswano kuphuhliso lwezolimo eMtingwevu

Ilinge lobambiswano kuphuhliso lwezolimo elenziwa yiAfriForum, neSaai, neofisi kaNkosi Zweloxolo Stokwe, kunye neLinge Loveliso-Londolozo Kutya eliyiAdopt-A-Village Rural Food Security Initiative, lifikelele kwisigaba esibalulekileyo sokukhuliswa nokutyalwa-kwakhona kwezithole zemifuno  kwindawo yaseMtingwevu. Esi sigaba silandela uqeqesho lwabantu baseMtingwevu ngeyeDwarha (kuOkthobha) ka2025, apho babeqeqeshelwa ukukhulisa izithole, olwalusenziwa ngokusebenzisana nabakwaStark Ayres and Hygrotech.

Emva koqeqesho lokuqala, abantu balapho bahlangana nemicelimingeni eliqela emalunga  nokusebenziseka kwamanzi, nokuba sesichengeni selanga, kwaneengxaki zokukhula kweengcambu. Nakuba kunjalo, le micelimingeni zange ibethise amandla abantu balapha ekuqhubekeni nalo eli linge. Kukho izifundo abazifundayo kule micelimingeni; baze bazimisela kwiindlela eziphuculweyo zokulima ezathi zakhokelela ekuvelisekeni kwezithole ezinempilo, ezathi zafakwa zatyalwa ezigadini. Le mpumelelo eyathi yazalwa kukuzingisa okungapheliswa nto ibatsho abantu balapha bomelela  kumoya wokuzithemba nokukhuthazeka ngaphakathi.

“Ndiye ndachukumiseka ngokunzulu, ndavuyiswa kanjalo koku kuzinikela kwabantu balapha. Ithe ikho injalo le micelimingeni, kukho nale nto yokuba beqale kade, kanti nale yokuba sekusondele nokwindla, basebenza umsebenzi ogqwesileyo, bamane ukuthi gqolo ukunika ingxelo yenkqubela abayenzileyo. Indenza ilunda into yokubona abantu bethu besebenza ngenje yona intshisakalo kwanokuzingisa. Bunexabiso kuthi ubudlelwane ngomsebenzi obuthi ngoqeqesho noncediso oluxhasayo oluhlala lusenzeka, bubenze abantu basekuhlaleni bakwazi ukuzikhulisela izithole – nto leyo yenza ukuba babe nento yokutya, kwanengeniso yomvuzo ngaphezulu,” utsho uNkosazana Noma Stokwe wesizwana senkcubeko, AmaQwathi.

Nantes Kelder (English)

“Uphuhliso nokuzixhomekekela koluntu lwasekuhlaleni asizozinto ekuvele kuse sezenzekile. Naliphi na ilinge labantu lizisa imicelimingeni, kodwa sikhona isifundo esibalulekileyo esisesi: wakungaphumeleli khumbula ukuba akulahlwa mbeleko ngakufelwa – ukungaphumeleli lithuba lokufunda nto, nelokuzilungelelanisa neemeko uze ubheke phambili unomqwalasela othe kratya ke ngoku. Ukuphuculeka esikufumanayo kubonisa into enokwenzeka bakuba abantu bewabamba amathuba, bethatha uxanduva, bazingise,” utsho uNantes Kelder, uMhlanganisi Wesizwe Weeprojekthi Zobudlelwane Nentsebenziswano Phakathi KweeNkcubeko, kwiAfriForum.

Leon Lourens (English)

“Ukuphuculeka koveliso-londolozo lokutya nokuxhaswa kwamafama amancinci kwindlela yawo esinge ekukwazini ukurhweba, ngomnye wemisebenzi eyeyona ibalulekileyo kakhulu eyenziwa yiSaai ikunye nabalingane esikwintlanganisela enye nabo. Apho kuhlangainsene khona umhlaba ochumileyo, nabantu abafunayo ukwenza, nobungcaphephe, kunye nenkxaso yezemali, ndawonye nokuhloniphana, iingxaki ezicinezelayo ziyachotshelwa, ze kuvuleke amathuba amatsha. Kuyinyhweba kwiSaai ukuba ibandakanyeke kweli linge libalulekileyo,” utsho uLeon Lourens, uMhlanganisi Wezophuhliso kwiSaai.

Le mpumelelo yokuqala, engekabizi mehlo kangako, yeli linge lobambiswano iyayingqina into yokuba bubalulekile ubudlelwane obuhle kwanentsebenziswano ekwanjalo phakathi kwamaqela eenkcubeko nabanininxaxheba, nokuqeqeshelwa ukwenza, nenkxaso-nkokhelo engaphelelwayo, nokukwazi ukuzilungelelanisa neemeko, kunye nokuzingisa, zonke ezi zinto zisenzelwa ukuphucula uveliseko-londolozo lokutya emaphandleni, nasekuqiniseni ukuzixhomekekela kwamaqela eenkcubeko. Kweli linge, IAfriForum neSaai inxaxheba yazo ziyenza ngokusebenzisa inkqubo yazo yophuhliso lwezolimo ekuthiwa yiResilient Regenerative Agricultural Initiative (iRRAIN).

Similar Posts

Ons is Afrikaners