IAfriForum kunye nawo AmaQwathi basungula iprojekthi kaNomakhosazana yeebhokhwe, basayine isivumelwano

IAfriForum kunye noNkosi Zweloxolo Stokwe, inkosi yoluntu lwenkcubeko, AmaQwathi, basungule, ngalo mhla wama29 kweyeDwarha ngo2026, iProjekthi KaNomakhosazana Yokhulisorhwebo Lweebhokhwe Zemveli, kwiFama kaNkosazana Emma Sandile, kwingingqi yaseCala, eMpuma Koloni. Le projekthi iqhutywa ngolu hlobo: iqalise ngomhlambi wokuqalisa oziibhokhwe zemveli zesiNguni ezingama21, nangoqeqesho kufuyo lweebhokhwe olwenzelwa amafama amancinci ale ndawo, uNkosi Zweloxolo kunye neqela asebenza nalo. Injongo yale projekthi yophuhliso-lulimo yobambiswano kukuxhobisa amafama amancinci endawo le ngolwazi nezakhono zokuzikhulisa agqithe ekufuyeleni ukuzityela nakufuyo lobufama obuncinci, azenzele amashishini anika ingeniso. Le projekthi kanjalo iza kwenza kubekho umhlambi weebhokhwe oza kuthi wona, emva kwexesha, ukhule ube lufuyo lweebhokwe olungaphelelwayo, oluya kubonelela ngeebhokhwe ezizezohlobo ekuya kuqhutywa ngazo ezinye iiprojekthi zophuhliso abazenzela ngokwabo abantu ekuhlaleni. Kwesi siganeko, iAfriForum kunye nawo AmaQwathi baye batyikitya isivumelwano sokunikana ingqalelo nokusebenzisana.
“Ukukhuselwa nokuphuhliswa kobuntu bethu ngokwenkcubeko yethu, nokuphuculwa kweemeko zoluntu nezoqoqosho zaBantu Bemveli, Amaqwathi, zizinto ezibaluleke kakhulu kum,” utsho uNkosi Zweloxolo. Ngoko ke, ndinemincili ngenxa yokuba le projekthi yobambiswano ibonakala iza kuba neempembelelo ezintle kwezoqoqosho. Siyakholwa ukuba ukuziswa kolwazi nezakhono, kwanokubakho kweebhokwe zohlobo olungcono, kuya kuyiphucula imeko yokuphila yabantu bethu basekuhlaleni ekuhambeni kwexesha. Uphuculo lwezoqoqosho alwenzeki ngesiquphe. Lwakhiwa ngokuthatha inyathelo emva kwelinye; ke namhlanje sithathe elinye inyathelo elibalulekileyo. Sinombulelo ngabalingane nabo basebenza nathi, abafana neAfriForum, abasebenzisana nanthi ukwenza uluntu lwethu lube nokuzimela ngakumbi nangakumbi. Kunjalonje sibe nenyhweba yokuba sibubumbe ubudlelwane bethu ngesivumelwano namhlanje. Siyakulangazelela ukubona le projekthi iqhutywa ngokunempumelelo; siwalangazelela kanjalo namanye amalinge obambiswano aya kuba lulutho kubantu nje apha ezantsi ekuhlaleni,“ uqokela atsho.
“Kukho iiyantlukwano phakathi kwamaqela oluntu eenkcubeko, kodwa thina sikhetha ukubambisana kwizinto esivumelana ngazo, ukuze sibe nomphumela onhle phakathi kwabantu nje apha ezantsi. Kuxa kanye abantu beenkcubeko ezahlukeneyo besebenzisana apho kuthi kwakheke ukuqondana nokuthembana. Kuyinyhweba enkulu ukuba iAfriforum ibe nobulingane kunye nawo AmaQwathi. Sinawo umbulelo nakuyo iBKB yaseKhowa, enkxaso yayo incedisileyo ekubeni le projekthi ibe nako ukwenzeka. Loo nto ibubungqina bokuba linako ukuba lihle ikamva labantwana beli lizwe xa abantu beenkcubeko zabo besebenza kunye, phezu kwesiseko esikukunikana ingqalelo nokuhloniphana, nto leyo iwenza amaqela oluntu akwazi ukuphucula iimeko zawo zokuphila aze abe nokuzimela ngakumbi nangakumbi,” utsho uKallie Kriel, iGosa Elikhulu Lesigqeba kwiAfriForum.
“Unxibelelwano lwabantu beenkcubeko ngeenkcubeko abanikana ingqalelo, nabaxhasanayo, nabasebenza kunye luthe chuu ukuya lusomelela. Sinombulelo ngenxa yokuba sithi, sikunye nabalingane abagxininisa kwizinto ezilulutho ngokufanayo mntwini wonke, sibe singabo nabantu abangamakholwa. Abantu basekuhlaleni kunye neenkokeli zabo bayayiqonda beyivuma into yokuba iziphelo ezimiselweyo zethu zibotshwe ngebande elinye, neyokuba sinemigangatho exabisekileyo efanayo, nto ke leyo eyenza ukuba intsebenziswano enesiseko esiphilileyo ibe yinto enokwenzeka,” utsho Barend Uys, iNtloko Yobudlelwane Nentsebenziswano Phakathi Kweenkcubeko, kwiAfriForum.
“Sinelunda kakhulu ngale nto yokuba iimazi zale projekthi zavela kuBalimi BakwaNkosi Moroka BaseThaba’Nchu (iKgosi Moroka Farming of Thaba’Nchu). Le nto yalatha ukuba nempumelelo kwalaa projekthi nomsebenzi omkhulu kaNkosana Motlotlegi nokuzinkela kwakhe ekunye neqela lokusebenza lakhe kwifama iBlijdskap,” utsho uNantes Kelder, uMdibanisi Weeprojekthi Wesizwe Kwezobudlelwane Phakathi Kweenkcubeko, kwiAfriForum.
IAfriForum noNkosi Zweloxolo baqala ukusebenza kunye ngeyeNkanga (uNovemba) ka2025, apho kwakusenziwa uqeqesho ekukhuliseni izithole kubantu basekuhlaleni baseMthingwevu, kusetyenziswana neLinge Loveliso-Londolozo Lokutya Ezilalini, eligama lithi, Thatha-Eyakho-Ilali (ngesiNgesi, iAdopt-A-Village Rural Food Security Initiative). IAfriForum izibandakanyile kule projekthi yophuhliso nakwezinye, isebenza ngeLinge Lezophuhliso Elixhathisayo Nelivelisa-okutsha (ekuthiwa ngesiNgesi yiResilient Regenerative Agricultural Initiative (iRRAIN)). Le RRAIN, luphuhliso-lulimo olukhulisa urhwebo lobambiswano phakathi kweAfriForum neSaai.
“Le projekthi siyithiye ngodadewethu, iNkosazana uNomakhosazana Stokwe, owasebenza kakhulu ukuyenza ibe yinto ekhoyo. Simkhumbula ngembeko ngayo,” uqukumbela atsho uNkosi Zweloxolo.



