IAfriForum ivakalisa uvelwano ngokusweleka kukaNkosazana Nomakhosazana Stokwe

IAfriForum ilufumene udaba olubuhlungu lokusweleka kweNkosazana uNomakhosazana Stokwe, udadeboNkosi Zweloxolo Stokwe (inkokeli yemveli ephambili), obesisandla sikanobhala wosapho lwakomkhulu kwaStokwe Ndlela, kwisizwe semveli sawo AmaQwathi, eCala eMpuma Koloni. UNkosazana Nomakhosazana usweleke kusasa izolo (ngowe9, KweyeThupha), emva kokugula ixesha elide.

NgokukaBarend Uys, INtloko Yezobudlelwane Nentsebeziswano Phakathi Kweenkcubeko, kwiAfriForum, uNkosazana Noma, njengokuba ebesaziwa njalo, uya kukhunjulwa ngokusebenza kwakhe ngokuzinikela esebenzela ukuphucula ubomi babantu bendawo yakhe ekuhlaleni. “UNkosazana Noma uyikhonzile iNkosi yakokwabo, nosapho lwakomkhulu lwakokwabo, kwanabantu bakokwabo ekuhlaleni, eyenza loo nto ngokuzinikela okungagungqiyo. Wayivulela iingcango iAfriForum ukuba yenze umahluko kubantu basekuhlaleni eMtingwevu, isebenzisana noNkosi Zweloxolo kunye neLinge Loveliso Nolondolozo Lokutya Olwenzelwa Iilali (iAdopt-A-Village Rural Food Security Initiative), nto leyo siya kuhlala simbulela ngayo. Nantoni na ebeyenza, ebeyenza ngokwasemphefumlweni ngokungathi wenzela iNkosi hayi abantu, njengoko kubhaliweyo kwincwadi YabaseKolose 3: ivesi yama23 – ngokwenjenje waba ngumhlahlindlela ongumzekelo kuthi njengabazalwana noodadewabo kuKrestu,” utsho u-Uys.

“Eyona ndlela ilungileyo sinokulinika imbeko ngayo ilifa asishiye nalo uNkosazana Noma kukuba sivumele lo msebenzi mhle awenzileyo ukuba uhlale uphila uqhubeka – siya kuyizama ke ukuyenza le nto kangangoko sinako.

 SiyiAfriForum sivakalisa uvelwano lwethu olusuka entliziyweni kusapho lwakomkhulu kwaStokwe Ndlela, nakwisizwe semveli samaQwathi. Sithandazela ukuba uNkosi Zweloxolo athuthuzeleke, ndawonye nosapho lwakomkhulu, kunye neqela lenkcubeko elingamaQwathi, kunye nabo bonke abaye bachukunyiswa bubomi bukaNkosazana Noma,” uqukumbela ngelitshoyo u-Uys.

Become a member

Make a donation

Similar Posts

Ons is Afrikaners