I-AfriForum kunye ne-Matshi neMatshi ibumba iqela lokusebenza lentsebenziswano ukuze kuxhamle uluntu
Umbutho wamalungelo oluntu i-AfriForum kunye nombutho i-March and March baye baxoxa ngomba wokujolisa ingqalelo ekuzuziseni uluntu kunye nabemi abakwinqanaba elisezantsi xa i-March and March ibityelele i-AfriForum ngomhla we-18 kweyeThupha 2026. Kuloo ntlanganiso kuye kwashukuxwa imiceli mngeni engafaniyo ngayo le mibutho naleyo ifana ngayo kwanezinto ezingumdla kula maqela omabini, kwanyathelwa nakwizisombululo ekunokufikelelwa kuzo kunye nentsebenziswano enokubakho. Igqiza le-March and March, elikhokelwa ngumsunguli walo, uJacinta Ngobese-Zuma, liye ladibana ne-CEO ye-AfriForum, uKallie Kriel, kunye negqiza lalo mbutho wamalungelo oluntu.
Kuye kwachongwa le miba ilandelayo ekunokubakho intsebenziswano kuyo efana nale, ukulungelelaniswa koluntu, amatiletile okwakha isakhono ajolise ekuphuculeni iimeko zabo zentlalo nezoqoqosho kodwa kungophulwanga umthetho, ukukhuthaza ukufundiswa kwabantwana esikolweni ngolwimi lwenkobe kunye nemfundo ephumelelayo, efikelelekayo, kwakunye nokuqhubela phambili kokuhlalisana ngoxolo. Ukongeza, le mibutho ivumelene ukuba ilandele ngobambiswano imicimbi yezomthetho yomdla ofanayo kunye nokuxhasana kwimiba enxulumene nolawulo lomthetho kunye nokulwa ulwaphulo-mthetho eluntwini, kubandakanya nabantu abafudukela kweli ngokungekho mthethweni.
Ngokuka-Ngobese-Zuma ukubaluleka kokudala uMzantsi Afrika omanyeneyo osekelwe kwindlela yokuziphatha enobuntu, ukuhlonitshwa kweenkolelo zenkcubeko nezenkolo zoluntu kunye nolawulo lomthetho zezona zinto zixabiseke ngobungcwele, kwaye izinto ezixabisekileyo kwi-March and March ngamalungelo oluntu akhe wonke umntu kubo bonke abemi boMzantsi Afrika, apho imfundo ingundoqo wempumelelo kazwelonke. Lo Mbutho ukholelwa kwelokuba kumele kubekho iinkqubo eziyilwayo ukuqinisekisa ukuba uluntu luyasebenzisana ukuphendulisa urhulumente nokuqinisekisa ukuba ulawulo lomthetho luyagcinwa ngumntu wonke.
“Lo mbutho ukholelwa ukuba imida engakhuselekanga ineziphumo ezibi kuqoqosho oluqhwalelayo. Ukunyuka kwezorhwebo olungekho mthethweni kuchaphazela amashishini kwaye kunokukhokelela ekulahlekelweni yimisebenzi. Ulwaphulo-mthetho luyaqhubeka nokutshabalalisa uluntu, kwaye imibutho yoluntu kufuneka isebenze kunye ukubeka iinkqubo zokuqinisekisa ukuba kudalwa uluntu olukhuselekileyo. Lo Mbutho ukholelwa ukuba urhwaphilizo kunye nokungabi nabuchule bokulwa nalo kwabanye, ukuba ayingabo bonke, kwabo baseburhulumenteni kufuna ingqalelo engxamisekileyo kwaye intsebenziswano yemibutho eyahlukeneyo yoluntu, engaqhutywa ziimfuno zezopolitiko ezingenambono ibanzi, ibaluleke kakhulu ekupheliseni ukungabikho komthetho.”
Lo mbutho ukholelwa kwelokuba nangona kukho ubudlelwane obuhle phakathi kwala maqumrhu mabini kumele kukhunjulwe nalo mba wokuba, nangona le mibutho kukho imiba emininzi enomdla ofanayo kuyo, kukwakho nemiba engazi kuvana ngayo. Ubudlelwane ke ngoko busekelwe ekuhloniphaneni, ibe omabini la maqela avumelene ukuncedisana kunye nokucelana umngeni ngenjongo efanayo yokwakha uMzantsi Afrika omanyeneyo owamkela ukungafani kwabantu bawo,” utshilo uNgobese-Zuma.
U-Kriel ugxininisa ukuba i-AfriForum sele isebenzisana nemibutho eyahlukeneyo kunye noluntu olufana nayo ngokuzibophelela kwayo ekwakheni ikamva elingcono labantu beli lizwe. “Umntu unokukhetha ukusebenzisana apho sivumelana khona nalapho sabelana khona ngezinto ezifanayo. Asinakuvumela ukungavisisani kwimibandela ethile kuthintele intsebenziswano eya kuba yinzuzo kubantwana bethu. Kukho amaxesha apho kuyimfuneko ukuqhankqalaza ngokuchasene nokusilela kukarhulumente, kodwa kubaluleke ngakumbi ukusebenzisa izandla ezi zisezingalweni zethu ukwakha ikamva esilifunayo. Ngokuthobeka nangokuphandle, i-AfriForum izimisele ukwabelana ngezinto ezisebenzayo noko kungakhange kusebenze kuthi kule minyaka ingama-20 idlulileyo njengoko besisakha lo mbutho siwuqala phantsi wada wanamalungu angama-300 000. Sijonge phambili ekusebenzeni ne-March and March kwimizamo yabo yokuseka umbutho ojolise eluntwini onokuphucula ubomi babantu abaqhelekileyo kwinqanaba elisezantsi,” utshilo uKriel.

Ngexesha lale ntlanganiso, kuye kwathethwa ngemiceli mngeni eyahlukeneyo evele ngenxa yokusilela kukarhulumente, kuquka ukuwohloka okuzicaceleyo kolawulo lwemida kunye nokuthintela ulwaphulo-mthetho okuqhwalelayo, nto leyo eshiya uluntu lusemngciphekweni wolwaphulo-mthetho mihla le. Enye into ebalulekileyo ekuye kwathethwa ngayo kukufeyilisha kwenkqubo yezemfundo karhulumente.
Kwakhona kuye kwashukuxwa nezisombululo ezinokubakho olunokuthi uluntu luzenzele zona luze luzenze zisebenze, kwaza kwathethwa nangeendlela zokugaya uluntu nokukhangela iindlela ezisemthethweni zokuphucula ukhuseleko loluntu. Kuye kwathethwa nangophuhliso lwezolimo, ukulondoloza ubunguwe nelifa lemveli lakho, imfundo, uqeqesho kunye nophuhliso lwezakhono kusithiwa ziindawo apho uluntu lunokudlala indima eyakhayo kuzo.
Ngokutsho kukaBarend Uys, iNtloko yoBudlelwane Nentsebenziswano Phakathi Kweenkcubeko, i-AfriForum yakha ubudlelwane obuhle kwaye isebenzisana nemibutho kunye noluntu lwenkcubeko ngokusekelwe ekuqondaneni nokuhloniphana. “Senza lo msebenzi kuba sikholelwa ukuba oku kubalulekile ekuqinisekiseni ukuhlalisana okunempumelelo noxolo kwawo onke amqela oluntu kweli lizwe. Umsebenzi wethu ujolise kwinqanaba elisezantsi, kwaye ke similisele iingcambu kwimiceli mngeni ejongene nabantu abaqhelekileyo, kunye neenkokheli zemveli kunye noluntu lwazo. Uluntu ngalunye, umbutho kunye nenkokheli ekhetha ukuthatha uxanduva ngekamva layo kwaye ibe negalelo ekwakheni ikamva elingcono labantwana bethu, ngokusekwe kwimilinganiselo yemveli efana neentsapho ezisempilweni, uxanduva, uvelwano kunye nentlonipho kunye nombono ekwabelwana ngawo, liqabane elibalulekileyo kuthi. Yiyo loo nto i-AfriForum sele ingena kwizivumelwano zentsebenziswano kwaye isebenzana phakathi kweminye, i-AmaBhele KaJamangile, i-Barolong Boo Seleka, i-Batlharo Boo Tokwana Ba Ga Masibi, i-Batlokoa Ba Mota, i-Batlharo Ba Ga Motlhware, i-Vulamehlo Kusile Organisation kunye neRoyal Leaders of South Africa (ROLESA),” ucacisa atsho u-Uys.
“Imigaqo-nkqubo karhulumente ehexayo kunye neengcamango eziphelelwe lixesha ziyingcambu yemiceli mngeni emininzi ejongene noluntu kwingingqi ye-SADC. Urhulumente okhokelwa yi-ANC akenzi nto ukukhuthaza amazwe akulo mmandla ukuba amkele imigaqo-nkqubo eya kuphucula iimeko kumazwe awo kwaye anciphise ukugxalathelana kwabantu baloo mazwe bengena ngokungekho mthethweni eMzantsi Afrika. Ngapha koko, kwezinye iinkalo i-ANC ilandela kwaloo migaqo-nkqubo ifanayo yokuzitshabalalisa, nenegalelo kwiingxaki esijamelene nazo apha kweli lethu. Kucacile ukuba i-ANC kunye norhulumente okhokelayo ababeki iimfuno zabemi kuqala, kodwa babeka ezabo iimfuno nezo zamaqabane abo exesha elide kwezopolitiko nakwiingcamango. Abo bafuna ukubona ikamva elihle kumazantsi e-Afrika kuya kufuneka babaphendulise oorhulumente nangona bethwala uxanduva lokuzakhela ikamva,” uqukumbela atsho uKriel.
I-AfriForum kunye ne-March and March ziqinisekisa ukuba iimfuno zoluntu kunye nabemi kufuneka zisoloko zifunwa ngendlela enoxolo kungakhange kophulwe mthetho, kwaye ubundlobongela nokoyikisa azinandawo kulo mzabalazo.
isiXhosa



