Ubudlelwane Nentsebenziswano Phakathi Kweenkcubeko KwiAfriForum: Iindaba Eziphambili Zika2025
U2025 uye waba ngunyaka omhle, kwiAfriForum, ngokunxulumene noBudlelwane Kunye neNtsebenziswano Phakathi Kwamaqela Eenkcubeko. Ngoko ke sithe makhe sijonge emva, sijonge izinto zalo nyaka eziye zagqama, sinombulelo onzulu.
IAfriForum ikhulisa uphuhliso lwamaphandle
Kukho iprojekthi yemifuno esendaweni ekuhlalwa kuyo ebizwa ngokuba yiNoga’s Post, ethe cebu eThaba Nchu, kwelaseFree State. Le projekthi yayiqaliswe liqela labantu abahlala khona, kunye neNkosi (ukumkanikazi) uGaboilelwe Moroka, neAfriForum neSaai, ngoFebhuwari, yavuna itswele elingama800 eekhilogremu. Esi sivuno sathengiswa kwiilali nezikolo ezikufuphi nalapho. Kanti elinye itswele kwanikelwa ngalo kubantu abanokhubazeko, nakubantu abadala balapho kuloo ndawo yasekuhlaleni. Imali eyafumanekayo ngokuthengiswa kwesi silimo isetyenziselwa ukuthenga izinto zokutyala kwixesha elizayo lokutyala; yaye kwangeli xesha linye, ibe ibanike umvuzo abantu abasebenza kule projekthi. Yabenza banelunda abantu bakule ndawo into yokukwazi ukuba elinye itswele banikele ngalo kwiNkosi uGaboilelwe nakuMakhulu (Unina wenkosi) uGaongalelwe Moroka.


Ngenyanga kaTshaziimpuzi (uEpreli), iAfriForum yatyelela iiprojekthi zohlumiso lolimo ezimbini, eyeenkuku zamaqanda neyeebhokhwe zemveli ezikwifama iBlijdskap, kufutshane neThaba ’Nchu eMpuma yelaseFree State; kwaba luchulumanco lwenene ukubona ukuba zombini ezi projekthi ziqhuba kakuhle kakhulu.


NgekaCanzibe (uMeyi), iAfriForum neSaai, kwakunye neNkosi uGaboilelwe Moroka, baba neentlanganiso ezibalulekileyo ezimalunga nophuhliso lolimo nokuxhaswa kophuhliso ngemali ngoMhla Wesivuno WeNAMPO, oba seBothaville qho ngonyaka.
IAfriForum neSaai zizidibanise neNkosazana uGaongalelwe Moiloa, omnye wabaseki beziko iBahurutshe Ba Ga Moiloa Foundation kwindlela yakhe esuka ekubeni ngumlimikazi osakhasayo ebheka ekubeni ngumlimikazi orhwebayo. Kwathi ke ngeyeDwarha (uOkhthobha) kwafakelwa izixhobo zokunkcenkceshela ezisebenza ngamandla elanga, kusenzelwa ukuphucula imigudu yakhe yobulimi ukuze ibe nemveliso ethe kratya, ingaphelelwa, futhi ibe nengeniso. UNkosazana Gaongalelwe sele wasenza isivuno esinempumelelo seetapile, esasiziingxowa ezingama200, ngo2024; kanti sele ngoku ezityalile iitapile, neetumato, neepepile eziluhlaza, neembotyi eziluhlaza, netswele elibomvu, kulo mjikelo wokutyala wangoku. Kanjalo ngoku uyatyala, utyala iitapile ityeli lesibini elungiselela iBhunga Lophando Kwezolimo (iAgricultural Research Council). Ubulimi bakhe ubenzela kwindawo eyinxalenye yefama iJagersfontein, kwiSithili SaseMahikeng, njengomncedwa woMbutho oyiBatsweneng Communal Property Association, ongumnini wale fama.





IAfriForum, neSigqeba Sendlu Yesizwe Yeenkokeli Zemveli NezamaKhoi-San (iNational House of Traditional and Khoi-San Leaders (NHTKL)), neSaai, neofisi kaMorena e Moholo (iNkokeli Yemveli Enkulu) uMontoeli Mota waBatlokoa BakwaMota bakhuphe isaziso esixela ukuba ngenyanga yeNkanga (uNovemba) kuye kwafakwa ngempumelelo izixhobo zobonelelo lwamanzi ezisebenza ngamandla elanga, ezibonelela ngamanzi ngokuthembekileyo kwiiofisi zeBhunga leeNkokeli Zemveli zaBatlokoa BakwaMota nakwigadi leya ysekuhlaleni. Le gadi yemifuno ibonelela ngemifuno kwiphulo lokondla lasekuhlaleni, phulo elo lishotayo ngayo imifuno kungoku. Ayiphelelanga apho, koko iza kwakha ithuba lokuba abantu basekuhlaleni bafumane uqeqesho, banikwe izakhono, bazuze nengeniso. Kwalungiswa netanki lamanzi ukuba lisebenze, linike abantu bokuhlala amanzi. Le nto yaye yenzeka ngokuthi iNdlu yeSizwe yeeNkokeli, iNHTKL, ihlahle indlela yokwakheka kukamasibambisane owaba yimbali, owenzeka ngokuthi ezi nkokeli zibe yinxalenye yokuqalisa iNtetho Yonyaka Yesikhumbuzo SikaLenaka, eyathi yenzelwa eSinaleni yaseManthatisi, eSedibeng, ePhuthaditjhaba, kwiPhondo LaseFree State, ukuphela kuka2024.




IAfriForum neSaai bazidibanisa noNkosi Zweloxolo Stokwe kunye nelinge loveliso lokutya olwenzelwa iilali elibizwa ngokuthi yiAdopt-A-Village Rural Food Security Initiative. Lilinge lokuxhobisa uluntu lwaseMtingwevu kufutshane naseCala eMpuma Koloni ngolwazi lokukhulisa izithole besenzela iigadi zabo zemifuno. Babemalunga nama55 abantu basekuhlaleni ababesuka kwimizi engama50, ababezile kolo qeqesho, olwalusenziwa nguStark Ayres, ngeyeNkanga (uNovemba). UNkosi Zweloxolo Stokwe yinkokeli yemveli yabantu abanenkcubeko yabo, AmaQwathi. Olu qeqesho lwenziwa emva kokuba elaa linge loveliso lokutya iAdopt-A-Village Rural Food Security Initiative laliye lathethana neAfriForum malunga nokuba kubekho intsebenziswano. Iinjongokwenza eziphambili zeli linge kukuvuselela uveliso lwemifuno kumzi nomzi, ukunciphisa uuxhomekeka kwiigranti zikarhulumente, ukufundisa abantu ukuzimela kwinto yonke, nokutya ngeendlela ezinempilo, nokufundisa uqeqesheko, ukuzibophelela, kunye nomoya wokusebenza kakuhle. Eli linge linomnqweno wokuba kubekho ezi ziphumo: uveliso lokutya nophuhliso loluntu lwasemaphandleni, uphuhliso lwezakhono, ukunciphisa ubuhlwempu, nokukhuthaza impilo kwiindawo zasekuhlaleni ngokunika ulwazi ngeendlela zokutya okondlayo kunye neendlela zolimo nezemfuyo ezizezendalo.


Abantu basekuhlaleni benkcubeko yabo baseTsheseng ePhuthaditjhaba eFree State babeye bafumana uqeqesho lokuvelisa imifuno, abalwenzelwa yiAfriForum ngeyoMnga (uDisemba). Olo qeqesho lwalugxininise kwiindlela zolimo ezinovuselelo-mpilo ezilungselelwe amaqela oluntu angenazo kakuhle izinto zokusebenza. Kolu qeqesho kwakusenziwa ukuphuculwa nokulungiswa kwempilo yomhlaba, ugqumomhlaba olwenzelwa ukugcinakala kwamanzi okuphuculweyo, ukuzinziswa kwamaqondo obushushu, nokunqandwa kokhula, nokutyala, ukhathalelo ngokubanzi nolungiso ngokubanzi, kwakunye nezakhono zobomi. Eli linyathelo elilandelayo kwinkqubo yokuxhasa abantu basekuhlaleni ukuba baqinise ukuzimela kwabo nokuzixhomekekela kubo, elathathwa phantsi kolu bambiswano luyimbali olwaye lwadaleka phantsi kokhokelo lweSigqeba seNdlu Yesizwe Yeenkokeli Zemveli NezamaKhoi-San (iNHTKL) kunye neAfriForum, neSaai kwaneofisi kaMorena e Moholo (iNkokeli Ephambili Yemveli) uMontoeli Mota waBatlokoa BakwaMota, njengabanye abantu ababambiseneyo.



IAfriForum ikhuthaza ubudlelwane obulungileyo kunye nentsebenziswano
Ngenyanga yoKwindla (uMatshi) iAfriForum kunye naBarolong Boo Seleka benza isikhumbuzo sesivumelwano sokuncedana nobambiswano esatyikitywa ngaloo mhla kwiminyaka eyadlulayo eli160, phakathi kwenkosi yaloo minyaka yaBarolong Boo Seleka, uKgosi Moroka II kunye neRiphablikhi yaseOrange Free State (OFS) yaloo maxesha. Esi senzo siyimbali sithathwa njengokuba sisiqalo sentsebenziswano eqingqiweyo nolwamkelwano macala phakathi kwama-Afrikaner naBarolong Boo Seleka. Kwesi siganeko sesi sikhumbuzo kuye kwatyhilwa amangcwaba asandula ukuvuselelwa osapho lwakomkhulu lwaBarolong Boo Seleka kunye nemonyumenti esisikhumbuzo sokunyulwa korhulumente wokuqala wamaVoortrekker ngo1836 eThaba Nchu.





Ngenyanga kaTshaziimpuzi (uEpreli), iAfriForum yaya kwitheko lothwesozidanga lwabafundi baseThaba Nchu — ndawonye nabafundi baseNoga’s Post — abazifundo zabo zaziququzelelwe yiyunivesithi yehlabathii lonke, iGlobal University for Lifelong Learning, kunye neCentral University of Technology, kwakunye neYuniversithi YaseFree State.


IAfriForum yathi, kudliwanondlebe nonomathotholo iMmabatho FM ngenyanga kaCanzibe (uMeyi), yanika ulwaziso olubalulekileyo olumalunga nobukho ngoku nasezimbalini, bobudlelwane obuluqilima nobambiswano olukwanjalo phakathi kwama-Afrikaner noluntu olungaBarolong bakwaSeleka.

Ngeye Silimela (uJuni), iAfriForum yavuyisana noMbutho WamaBhele Wesizwe, iAmaBhele National Association (iAmanasso) ngokuqhuba ngempumelelo iNtetho Yesikhumbuzo SikaNdlela KaSompisi yonyaka. Lo mbutho wamalungelo abantu abangengorhulumete wawukho kule Ntetho, waza wavakalisa ithemba lokuba esi siganeko siya kuba nendima ebalulekileyo esiyenzayo kwiingxoxo zikawonkewonke kweli lizwe kwixa elizayo. Le Ntetho yayenzelwe eThekwini.


Kwathi ngeyeSilimela (uJuni), iAfriForum kunye noKgosikgolo Kgafela Kgafela II weqela loluntu lwenkcubeko lwaBakgatla Ba Kgafela batyikitya isivumelwano esiyimbali sokunikana ingqalelo nokuba nentsebenziswano. Babhengeza kanjalo ukuba baya kubambisana kwiphulo lokuqinisa ukuzilawulela imicimbi ngokweenkcubeko zabo, ukukwazi ukuzenzela kwamaqela oluntu, uphuhliso lwezolimo, nokugcinwa komelezwe ubuni babo ngokweenkcubeko zabo.


KweyeKhala (uJulayi), iAfriForum, ikunye nelinge lokutya iAdopt-A-Village Rural Food Security Initiative, bahambela uNkosi Zweloxolo Stokwe weqela loluntu lasemaQwathini, kwaneqela loluntu laseMtingwevu, besiya kuxoxa ngeendlea ekunokuthi ngazo kubekho ukunikana ingqalelo nokusebenzisana.


NgeyeThupha (uAgasti), iAfriForum yaya kwiMbizo yaphakathi nonyaka yeNdlu Yesizwe Yeenkokeli Zemveli nezamaKhoi-San, yenza intetho eyayigxininisa kwezi zinto: ukuhlalisana ngoxolo, ukwenza kusebenziseke amandla omhlaba nawabantu, ukucinga kuthethwe ngobuyiselo lomhlaba, imibutho Yezobunini Obuhlangeneyo, amanzi, nentsebenziswano elungiselela onke amacala.

IAfriForum yavuyisana neSilo Samabandla uKumkani uMisuzulu ngempumelelo yoMbhiyzo WoMkhosi Womhlanga (iRoyal Reed Dance) wonyaka owawenzelwe Komkhulu eMashobeni, kumazantsi ePhongolo, KwaZulu-Natal, ngowe13 ukuya kowe14 kweyoMsintsi (uSepthemba). Lo yayingumbhiyozo owaba yimbali, nowaqinisekisa ubuhle bexesha elitsha loBukumkani baKwaZulu; kaloku kwakukokokuqala le ndibano isenziwa kwiBhotwe laseMashobeni leSilo esi. Waba mnizi umsebenzi owathi wenziwa ngexesha elifutshane ukwenzela ukuba le ndibano ibe nokwenzeka ngempumelelo. IAfriForum nayo yaba nenyhweba yokubakho kule mibhiyozo njengeendwendwe zikaKumkani Misuzulu.
Ukuphela kweyoMsintsi (uSepthemba), iAfriForum yaya kuMbhiyozo Wezenkcubeko Nezamafa wakwaNgwao Moswa, kwisizwe saBatlharo Boo Tokwana Ba Ga Masibi, eDisaneng ngaseMahikeng eMntla Ntshona, imenywe nguNkosi Mogakolodi Masibi. Apho ke yanika intetho yenkxaso.
NgeyeDwarha (uOkhthobha), iAfriForum yaya kuzimasa kuMbhiyozo Wezeenkcubeko Nezamafa wakwaMahumani, eNkomo, ngaseGiyani eLimpopo, apho yayimenywe nguNKosi Nkomo V Mahumani weqela lenkcubeko lakwaMahumani.

KweyeDwarha, iAfriForum yaya kuzimasa umbhiyozelo weNkciyo yakuwo AmaBhele AseLenge kwaMavuso, kufutshane kwidolophu yaseDikeni (eAlice), eMpuma Koloni, yadlulisa apho umyalezo wenkxaso egameni leLinge Lentsebenziswano Yamaqela Eenkcubeko (iCultural Communities Collaborative Initiative).

Ngenyanga yeDwarha, iAfriForum kunye noNKsz. Lebo Mosime weshishini iThabake Business Enterprise, basingatha iqela labafundi bezikolo ezizezamazwe ngamazwe, ababesuka kwiSikolo Sokuziphatha Kakuhle Nobunkokeli Ehlabathi Lonke, kwifama eyiBoekenhoutfontein kufutshane nasePhokeng eMntla Ntshona. Bancokola nabo abo bafundi malunga neemeko ezikhoyo zobunini mhlaba namalungelo okuba nezinto ezizezakho eMzansi Afrika, nemingeni ajongene nayo amafama asakhasayo, nento enokufezekiswa ngentsebeniswano phakathi kwamaqela eenkcubeko.
IAfriForum yathatha inxaxheba kwintlanganiso yeenkokeli zamaqela oluntu eenkcubeko ahlukeneyo alapha eMzantsi Afrika eyayingeyeDwarha. Kuloo ntlanganiso uNxibelelwanoLwamaqela Eenkcubeko (iCCN) lasekwa ngokusesikweni. Olu Nxibelelwano lilinge lokuba kubekho intsebenziswano phakathi kweencubeko elimiselwe ukuba liqinisekise ikamva elinoxolo nenkqubela, labantwana bawo onke amaqela eenkcubeko akweli lizwe. ICCN le ke iliqonga lokuba amaqela eenkcubeko athethane ngokunentsingiselo, nangokunentembeko, aze asebenzisane kwimicimbi enokulungelwa kwamacala onke nemicimbi edla umzi macala onke. Le CCN yasekwa ngokuthi kuvunyelwane ngeMigaqo Yolungelelwano yentlanganiso yeCCN, kuvunyelwana ngabathunywa abangama38 ababephuma kumaqela angama26 eencubeko ezahlukeneyo akuwo onke amaphondo ayethe aya kuyo intlanganiso yokuqingqwa kwayo ePitoli. Kule ntlanganiso yokuqala yobuso-ngobuso yeCCN kwaxoxwa phantsi kwemimongo emibini eyile: ukubonakalaliswa ngokupheleleyo kwamalungelo eenkcubeko nophuhliso ngokwentlalo noqoqosho.

NgeyeNkanga (uNovemba), iAfriForum yaya kwiNtetho Yesikhumbuzo SikaLenaka (iLenaka Memorial Lecture) eyayisingathwe yiNdlu Yesizwe Yeenkokeli Zemveli NezamaKhoi-San, yaza yanika umyalezo wenkxaso apho kweso siganeko.

Ngenyanga YeNkanga (uNovemba), iAfriForum yaya kwingxoxo eyayiphakathi kwabantu abathetha iAfrikaans eyayilungiselelwe yiCape Forum.
Inkxaso YeAfriForum Ngexesha Likaxákèká
IAfriForum ikhe yenza isicelo esingxamisekileyo kuDean Macpherson, uMphathiswa weSebe leMisebenzi kaRhulumente Namaseko, sokuba aphande imeko yokudilika kwenxalenye yesakhiwo seeofisi zeBhunga Lezemveli leqela loluntu laBatlharo Boo Tokwana Ba Ga Masibi baseDisaneng, kwingingqi yaseMahikeng, eMntla Ntshona, ngeyoKwindla. Le ofisi yayidilike inxenye ngoLwesithathu, umhla wama29 kweyoMqungu, ngecala emva kwentsimbi yesi6 – emva kweeyure nje ezimbalwa bephumile abantu bokugqibela kwesaa sakhiwo.

IAfriForum ithethelela amalungelo eenkcubeko
KweyoMdumba (uFebbhuwari), iAfriForum yafaka umhlomlo wezimvo zayo obhaliweyo malunga noMthethosiphakamiso Wobunkokeli Bemveli NobamaKhoi-San, yaza ngeyoKwindla yabhenela kuMphathiswa uVelenkosini Hlabisa weCooperative Governance and Traditional Affairs, imcela ukuba amele ukulungelwa kwamaqela oluntu eenkcubeko, enze kubekho iinguqu ezibalulekileyo kuloo mthethosiphakamiso. IAfriforum yayisithi lo mthethosiphakamiso, ngolu hlobo ululo ngoku, waphula IsiBhengezo Sezizwe Ezimanyeneyo malunga Namalungelo Abantu Bomthonyama (iUnited Nations Declaration on the Rights of Indigenous Peoples (UNDRIP). IAfriForum yagxininisa kanjalo ukuba lo mthethosiphakamiso mawutshintshwe wenziwe ubonakalise intlonipho nesidima ngakwiinkokeli ezinegazi lobukhosi, neentsapho ezikwanjalo namaqela oluntu akwanjalo, futhi ubaxhobise ukuze bakwazi ukuzikhokelela indlela ebheka kwimpumelelo yobomi abafuna ukuzibumbela yona.
IAfriForum yathumela ileta kwiNkulubaphathiswa yaKwaZulu-Natal, uThami Ntuli, ngekaCanzibe (uMeyi), imcenga ukuba athathe amanyathelo angxamisekileyo okunqanda amanyathelo angekho mthethweni nangenako ukulunga athathwe ngakoosibonda (izinduna), nokuba awaphande la manyathelo angekho mthethweni achasene neenkokeli zemveli kwelaa phondo. Esi senzo senziwe emva kwezicelo zenkxaso ezifunyenwe yiAfriForum zivela kwiinkokeli zemveli nakubantu basekuhlaleni, ezithetha ngala manyathelo kuthiwa athathiwe liSebe Lolawulo Ngobambiswano Nemicimbi Yezemveli ngakwiinkokeli zemveli ngenjongo yokuzisusa ezihlalweni zazo.
NgekaCanzibe (uMeyi), iAfriForum yaxelela ipalamente ukuba mayigcine amaxesha abekwe yiNkundla YezoMgaqosiseko okuguqula imithetho ewisiweyo okanye ukulungisa izenzeko zowisomthetho ekuthiwe zichasene nomgaqosiseko okanye ziyinto engekhoyo. Le nto yalandela umyalelo wenkundla owaphuma sekulixesha lokugqibela, ngomhla wama28 kuCanzibe, owalandisayo ixesha lokuba kuvunywe ngokomgaqosiseko uMthetho Wobunkokeli Bemveli NobamaKhoi-San, wesi3 ka2019, okanye omtsha umthetho, ulandisa ngeminyaka emibini, de kube ngowama29 kuCanzibe ka2027. Lo mhla wama29 kuCanzibe ngumhla owawuyalelwe yiNkundla YezoMgaqosiseko wokuvunywa kwaloo mthetho.
IAfriForum yafaka isimangalo sayo esibhaliweyo esichasene noMthethosiphakamiso kaMzwanele Manyi Wotshintsho Lomthetho Lwama22, othi makuguqulwe uMgaqosiseko – onjongo yawo ikukuphelisa ilungelo lokuba umntu abe nomhlaba ongowakhe kweli lizwe, kuze kwenziwe urhulumente abe ngumgcini wawo wonke umhlaba kunye nezinto zokuphila eziyindalo, ngokutshintsha iCandelo lama25 loMgaqosiseko, ngeyeThupha (uAgasti). IAfriForum yacacisa ukuba lo Mthethosiphakamiso uluhlaselo kubunini bomhlaba bomntu ngamnye, nakuwo onke amaqela oluntu eenkcubeko kunye namanye, azenzela imigudu yokuba ade abe nokuzixhomekekela kuwo, nokuzimela ngokweenkcubeko zawo, nokuzakha abe yinto efunwa ngawo, ngokomthetho wezizwe ngezizwe. IAfriForum yagxininisa ukuba ezo nguqu ziphakanyiswayo ziya kuba lulwaphulo loMnqophiso Wezizwe Ngezizwe malunga Namalungelo Obuntu nje Nawepolitiki, kanti nolwaphulo lweSolotya lesi3, nele14, nele19, nelama20, nelama21 kunye nelama28, amasolotya oXwebhu LwaseAfrika Lwamalungelo Obuntu Nawabantu; kanjalo yamemelela onke amaqela oluntu neenkokeli zawo ukuba makasebenzise ngokungxamisekileyo iCandelo Lama20 LoMthetho we112 ka1991 Wophuculo Lwamalungelo Obunini Bomhlaba, alisebenzisele ukuba afumane iziqinisekiso zobunini zomhlaba ophantsi kolawulo lwawo. Yadlula apho iAfriForum yagxininisa ukuba ezo nguqu ziya kwenza ukuba amaqela oluntu eenkcubeko neenkokeli eziziinkosi eziwakhonzayo njengeenkokeli, bonke babe ngabaqeshi bamphelo kwimihlaba eyeyabo, zibavalele ukuba babe ngabanini bomhlaba wabo ngokusemthethweni, nokuba nolawulo oluzeleyo nolungaphazanyiswayo kumhlaba wabo. Ziya kuvalela ukubuyiselwa okuzeleyo kwesidima, nokuzibona nokuziva benexabiso abantu bamaqela eenkcubeko kunye neenkokeli zabo ezingabantu begazi, kuba kaloku baya kuhlala umphelo bechazwa njengabantu ekuthiwa “abakufanele” ukuba babe nemihlaba eyeyabo nokuyilawula loo mihlaba. IAfriForum yalumkisa kanjalo ngelithi loo nto iya kuqhubela phambili ukwenza buthathaka igunya neempembelelo zeenkokeli eziziinkosi neleenkokeli ezizizo ngokwezithethe eziqhelekileyo, nelamanye amaziko angawamaqela oluntu; ziya kunciphisa kanjalo ilungelo lokuzilawula ngokweenkcubeko zabo abantu kunye namalungelo angaweenkcubeko ngokubanzi. Ezi nguqu ziya kwenza kuqhubeke, futhi kwande, ukuba negunya eligonyamelayo kwamagosa karhulumente phezu kophuhliso, nokuphathwa nokulawulwa komhlaba wamaqela oluntu nezinto angabaninizo, kwanezo ndawo bahlala kuzo.



