|

Joyina umzabalazo womhlaba, intliziyo kunye nomphefumlo woluntu lwenkcubeko – i-AfriForum

I-AfriForum ihlaba ikhwelo kuluntu lwemveli, lwamaKhoi-San kunye nolunye uluntu lwenkcubeko nolwezenkolo ukuba lungenele umzabalazo wokukhusela amalungelo enkcubeko kunye namaqela kunye nokuqinisekisa ukufezekiswa kwawo ngokupheleleyo. Oku kulandela isiphakamiso ebesifakwe yi-AfriForum esithetha ngokubanzi malunga noMthetho oYilwayo woBunkokheli beMveli namaKhoi-San ngomhla we-14 kweyeThupha.

Phakathi kwezinye izinto, amagqabantshintshi e-AfriForum agxininisa ukunyhashwa kwamalungelo omhlaba woluntu lwemveli; amagunya agqithisileyo nangafanelekanga anikwe amagosa karhulumente; ukunqongophala kokuqonda umthetho wesithethe omileyo kunye nokutyhilizelwa ecaleni kwawo; ukubeka phambili iimfuno zikarhulumente kodwa zona iimfuno zoluntu nezinto eziphambili azihoywa kwaye zijongelwa phantsi; kujongelwa phantsi neembono ezingundoqo nezichaphazela abantu ngabanye ekusekelwe kuzo imithetho emiselweyo, nto leyo ekhabanayo nombono jikelele nemigangatho yoluntu lwemveli kunye namaKhoi-San, kwakunye nolunye uluntu lwenkcubeko.

Ngokutsho kukaBarend Uys, iNtloko yobudlelwane benkcubeko kunye nentsebenziswano kwi-AfriForum, umthetho omiselweyo ngokwemo okuyo ngoku unika ilungelo kwinkulumbuso ukuba itshintshe ummandla wolawulo ophantsi koluntu lwemveli kungakhathaliseki nokuba ibhunga loluntu lwemveli liyavuma okanye hayi.

“Into engenzeka, ngokomthetho okhoyo ngoku weCandelo 20 phantsi koMthetho wamaLungelo okuHlaziywa koMhlaba noBume bawo ongunombolo 112 ka1991 kukuba, uluntu lwemveli lunokucela umphathiswa otyunjiweyo ukuba aludlulisele kumhlaba ophantsi kobumnini boluntu apho yena anegunya khona. Uninzi lomhlaba woluntu lwemveli usabanjwe ngurhulumente egameni laloo mihlaba. Inyani yile yokuba urhulumente akenzi mzamo obonakalayo wokusebenzisa lo mthetho ukhoyo ukudlulisela umhlaba woluntu kubo. Ngoko ke, lo mhlathi uwanyhasha ngokuthe ngqo amalungelo omhlaba kunye nelungelo lomhlaba woluntu lwemveli,” u-Uys.

“Imeko eqhubekayo ngoku ibonisa indlela karhulumente engenantlonipho kunye neenjongo anazo malunga nobunini bomhlaba kweli lizwe. Loo nto iphinda iqinisekise isizathu sokuba uluntu kunye nabahlali kufuneka bawuchase uMthetho wokuHluthwa koMhlaba, njengoko i-AfriForum isenza ngoku.”

I-AfriForum ikholelwa ukuba lo mthetho uhlaba ngqo entliziyweni nasemphefumlweni woluntu lwemveli kunye namaKhoi-San, kwakunye nolunye uluntu lwenkcubeko kunye nobukho babo obuqhubekayo nobunempumelelo njengoluntu lwenkcubeko.

“Iyakhathaza into yokuba lo Mthetho uYilwayo ujongela phantsi amalungelo oluntu enkcubeko kunye namaqela, njengoko kuqinisekisiwe, phakathi kwezinye izinto, kwi-African Charter on Human and People’s Rights kunye ne-United Nations Declaration on the Rights of Indigenous Peoples (i-UNDRIP), noMzantsi Afrika oyisayinileyo; uphinda uwazinzise ngakumbi la mandla; kwaye uphoswa lithuba lokuseka isakhelo somthetho esiya kwenza kube lula kuluntu ukuba luqonde ukuzimela kwenkcubeko, njengoko kubonelelwe kwiCandelo lama-235 loMgaqo-siseko, kwaye bathathe ikamva labo ngokuzithemba ezandleni zabo,” utshilo u-Uys.

“Umthetho ophathelele uluntu lwenkcubeko kunye nobunkokheli bawo kufuneka ubeke uluntu lwenkcubeko kunye nemigangatho yalo, indlela yokuphila, imbono zalo jikelele kunye nezinto eziphambili phambili. Ngoko ke, i-AfriForum ihlaba ikhwelo ngokungxamisekileyo kuzo zonke iindawo zenkcubeko ukuba ziququzelele zize zomeleze kwaye zisebenzisane ukuqinisekisa ikamva elihle kulo lonke uluntu kweli lizwe.

Become a member

Make a donation

Similar Posts

Ons is Afrikaners