Hlonipha ilifa lezizukulwana ezidlulileyo ngomsebenzi wokuzinikela, onemigaqo ngoSuku lwe-Afrika
I-AfriForum ihlaba ikhwelo kuluntu lwenkcubeko kunye nemibutho yoluntu ukuba ihloniphe ilifa lezizukulwana ezidlulileyo ngomsebenzi wokuzinikela ojolise ekuqinisekiseni ikamva elihle labantwana base-Afrika kunye nokujolisa ngokutsha ekomelezeni ubuntu benkcubeko, inkululeko kunye nobulungisa. I-AfriForum yenze eli khwelo ngethuba kubhiyozelwa uSuku lweAfrika ngomhla we-25 Canzibe 2025.
I-AfriForum isebenza ngokuzinikela ukukhusela ikamva elikhululekileyo, elikhuselekileyo nelinenkqubela ukwenzela abantetho iyi-Afrikaans, ukuhlalisana ngoxolo nezinye iinkcubeko, kwincam esemazantsi eAfrika. Ukuza kuthi ga ngoku, i-AfriForum yakha ubudlelwane obuhle nentsebenziswano, esekelwe ekwazini abanye abantu nokuhlonelana, phakathi kwabanye abantu benkcubeko, kwaye iqhuba iiprojekthi ezibumbeneyo eziqinisa ubuntu benkcubeko kunye nokukwazi kwabantu ukuzimela nokuzilawula. “Asinakukwazi ukutshintsha ixesha lethu elidlulileyo elinzima, kodwa ke singathanda ukwenza oko. Kodwa ke, Ikamva lona lisezandleni zethu – yiloo nto kanye esibeka umnwe kuyo; sikhetha ukuqhubeka siphila ngobulungisa,” utshilo uBarend Uys, iNtloko ye-Intercultural Relations kunye neNtsebenziswano kwi-AfriForum.
“IAfrika ithe xa izala abantwana bayo iye yazala nama-Afrikaner; asinalo elinye ikhaya. Ngoko ke kuyinyhweba kuthi ukuba sisebenzisane ngokuzinikela ukuze sikhusele ikamva labantwana bethu kunye nabantwana bezinye iinkcubeko. IAfrika nabantu bayo banamandla amakhulu, kwaye sikholelwa ukuba amandla apheleleyo elizwekazi lethu elihle anokuvulwa luluntu olunenkathalo, abuyiselwe kwaye libe nenkangeleko yenkcubeko ethandekayo kunye nokuzithemba, ukomeleza ukuzimela koluntu, kunye nokusebenza kunye nolunye uluntu apho kunokwenzeka. Namhlanje sikwakhumbula izizukulwana ezidlulileyo ezincame okuninzi kakhulu ukuqinisekisa ukuba sonke singaba nendawo apha,” uvale ngalo mazwi u-Uys.
isiXhosa



