UMthetho Oyilwayo Weenkokheli ZeMveli (zesiNtu) NezamaKhoi-San uyasaphula iSibhengezo SeZizwe Ezimanyeneyo, ke iAfriForum inqonqosela uMphathiswa ukuba enze izinto ngendlela ekhathalele ukulungelwa kwabantu beenkcubeko ngeenkcubeko.
UMthetho Oyilwayo Weenkokheli ZeMveli (zesiNtu) NezamaKhoi-San, ka2024 (ngesiNgesi iTKLB), ngolu hlobo ululo ngoku, ngokubona kweAfriForum, uyasaphula iSibhengezo SeZizwe Ezimanyeneyo Samalungelo Abantu Bomgquba (ngesiNgesi iUNDRIP). Ngoko ke, iAfriForum, namhlanje, yenze isicelo esinzulu kuMnu. Velenkosini Hlabisa, uMphathiswa WezoLawulo NgoBambiswano kunye NeMicimbi YezeMveli (YezesiNtu) (ngesiNgesi iCOGTA), ukuba enze izinto ngendlela ekhathalela ukulungelwa kwabantu beenkcubeko ngeenkcubeko, ngokuthi enze iinguqu ezibalulekileyo kulo mthetho oyilwayo.
Iqhubile ke iAfriForum yathi lo mthetho oyilwayo mawutshintshwe wenziwe ubonakalise ukuzihlonipha nokuzinika isidima sazo iinkokheli zasebukhosini, neentsapho zasebukhosini, nabantu bokuhlala basebukhosini; futhi uzixhobise ukuba zikwazi ukukhokela kolu hambo oluya kwisimiselo sobomi abafuna ukuziqingqela sona. Le leta eye yabhalelwa uMphathiswa lo, ilandela imihlomlo ebhaliweyo yeAfriForum ngalo mthetho oyilwayo, eyayithunyelwe kule veki iphelileyo.
Ngokutsho kukaBarend Uys, iNtloko Yezobudlelwane Nentsebenziswano Phakathi Kweenkcubeko KwiAfriForum, indlela ekuthethwa ngayo phaya kulaa mthetho oyilwayo iyaxhalabisa nje kakhulu. Kwimpendulo eyakhe yanikwa epalamente ngo2023, uMphathiswa weCOGTA wayesincomile iSibhengezo iUNDRIP wathi isisikhokelo esinika “imigangatho yokuqalisa ukuhlala bephila, nesidima sabo, nokuphatheka kakuhle kwabo abantu bomgquba”, isiseko ke “esinaba ngakumbi ukuchaza izixhobo ezikhoyo zamalungelo abantu, nesikwacacisa ukuba zingeniseka njani kwiimeko ncakasana zabantu bomgquba”. Nakuba urhulumente waseMzantsi Afrika wayevakalise uvumelwano nesi sibhengezo seZizwe Ezimanyeneyo, lo mthetho oyilwayo, iTKLB le, uchasene mpela nemigqaliselo esijonge ukumisela yona esi sibhengezo.
Kule leta iya kuMnu Hlabisa ke, iAfriForum ithi:
- Lo mthetho oyilwayo awunabo ubulungisamthethweni, kunjalonje ayifanelekanga njengoko ivumela ukuba kubekho amanqwanqwa amabini kuphela obunkokheli kubantu bokuhlala abangamaKhois-San, ekubeni ivumela amanqwanqwa amathathu obunkokheli kubantu bokuhlala bemveli (besiNtu).
- Abantu abangamaKhoi-San bashiywe ngaphandle kwiKhomishini Yemicimbi YamaKhoi-San, nangona ingabo abanolwazi olugqitha lee kolwabanye abantu lokuza neenkcukacha zezithethe zabo, nezamasiko abo, nezomthetho osekwe kumasiko amaqela abantu bokuhlala abangamaKhoi-San.
- La masolotya, ele16(18) nele16(19) amnika igunya uNkulubaphathiswa ukuba awuthathe umhlaba wabantu bokuhlala (njengoko le nto ivakala kula magama athi, ‘kuguqulwe umhlaba wolawulo’ emva kokudlana indlebe nebhunga leenkokheli zemveli okanye nebhungana elinganeno kweli – nokuba la mabhunga ayavumelana okanye akavumelani naloo nto.
- UNkulubaphathiswa unikwa amandla okuba ayithathe yonke imisebenzi yebhunga leenkokheli zemveli, nokuba lixesha elingakanani na, kungekho zimiselo zokugada izenzo zakhe yena.
- Lo mthetho oyilwayo unika uNkulubaphathiswa amandla okuba kugqibele ilizwi lakhe kuso nasiphi na isivumelwano esenziwe libhunga. Ngale ndlela ke uyalibhulula lonke elona gunya lililo elisusa kwiinkokheli zasebukhosini nakumabhunga asebukhosini.
- Lo mthetho oyilwayo awuwaniki amabhunga amandla okuba ibe ngawo akhokela ukucetywa nokwenziwa kwamalinge okuphuhlisa abantu bokuhlala, neenkqubo zako neeprojekthi zako, kunjalonje unciphisa amathuba okuba la mabhunga abe nako ukwenza umahluko phakathi kwabantu bokuhlala abakwiindawo zawo.
- Lo mthetho oyilwayo, ngolu hlobo ululo ngoku, waphula imihlathana eliqela yesibhengezo seZizwe Ezimanyeneyo, iUNDRIP.
“Amagama asetyenzisiweyo kulo mthetho oyilwayo adala ingcinga ethi lo mthetho xa wawuqulunqwa kwakungekho njongo yokulondolozwa nokuphuhliswa kwabantu beenkcubeko ngeenkcubeko, nezithethe zabo nenkcubeko yabo, neelwimi zabo, namasiko abo, nomthetho olandela amasiko abo kunye nezinto ezingamafa abo. Kubonakala ngathi injongo yayikukuvulela amagosa akwarhulumente ukuba abe nolona lawulo lukhulu, nokunciphisa kakhulu kanobom amathuba okuziqalela izinto nawokuba negunya kwabo baziinkokheli zasebukhosini, neentsapho zakhona namabhunga akhona,” utsho u-Uys.
U-Uys ke utsho nokuthi, “endaweni yokuba lo mthetho oyilwayo ube ngozixhobisayo iinkokheli zasebukhosini, namabhunga akhona, nabantu bokuhlala bakhona, ukuba bazithwalele uxanduva lokulungiselela ikamva labo, bakhokelelwe ekuziphuhliseni, ubanciphisela amathuba okukwazi ukuziqalela izinto, uwathutha loo mathuba kunye negunya labo uwanike amagosa karhulumente.”
“Ukuhlala kunye ngoxolo kwabo bonke abantu beenkcubeko ngeenkcubeko kweli lizwe kuxomekeke ekubeni kubekho ubudlelwane obulungileyo nokusebenzisana kakuhle phakathi kwabantu ngokweenkcubeko zabo, yonke loo nto isekwe ekuthini omnye uyabuvuma ubukho bomnye futhi siyahloniphana. Yiyo loo nto iAfriForum ikhuthalele ukwakha unxibelelwano lwabantu beenkcubeko ngeenkcubeko ukuze babe nako ukuncedisana kwizinto ezifana nezi, ukuze wonke umntu aqiniseke ngekamva elinenkqubela labantwana bawo onke la maqela aneenkucbeko ezahlukeneyo, alapha kule ncam isezantsi yaseAfrika.