|

IAfriForum iyazigxeka iintetho ezikhubekisayo, eziqhwaya uchuku

IAfriForum yayikhe yenza isicelo esinzulu kubemi, ngakumbi kwabo bakwiindawo zobunkokeli, ukuba bangazenzi iintetho ezikhubekisayo neziqhwaya uchuku; kanjalo bangahambisi iividiyo ezineentetho ezinjalo, ezinokubangela ukujongana ngezikhondo zamehlo phakathi kwabemi naphakathi kwabantu abahlala kunye beenkcubeko ezahlukileyo. NgokweAfriForum, yinto efuneka gqitha nebalulekileyo ukuba sonke sisoloko sizenza izinto ngomoya wenkathalo nentlonipho ngakubantu bazo zonke iinkcubeko nangakubo bonke abemi beli. Esi sicelo sinzulu seAfriForum silandela ividiyo eyavelayo, ekwakusetyenziswa kuyo ulwimi olukhubekisayo kakhulu nolutyityimbisela umnwe ngendlela embi. Le vidiyo iye yahanjiswa yonke indawo kumakhasi onxibelelwano kule veki idluleyo. Kanti kukho namagosa aliqela karhulumente neenkokeli eziliqela zopolitiko eziye zathetha izinto ezikhubekisayo neziqhwaya uchuku, izinto ezithi ke ngoku zandise ukujongana ngezikhondo zamehlo phakathi kwabantu beenkcubeko ezahlukileyo.

“IAfriForum iyayigxeka ngokuphandle laa ndlela ikhubekisayo, ikwaqhwaya uchuku ibhekiswe kubantu bezinye iinkcubeko, isetyenziswe kulaa vidiyo. IAfriforum ingumbutho wamalungelo wabantu abangengorhulumente, olungiselela abemi. Ngoko ke ukuyichaza ngokuthi “ayingomthandi welizwe” nokuthi “inobuhlanga gqitha”, njengokuba eye watsho uSekela Nobhala-Jikelele weANC, uNomvula Mokonyane, kuyinto engamkelekanga nako.” Utsho uBarend Uys, iNtloko Yezobudlelwane Nentsebenziswano Phakathi Kweenkcubeko KwiAfriForum.

Kanjalo, iAfriForum iyibona intetho kaMahlengi Bhengu-Motsiri, onguSomlomo Wesizwe weANC, ethi iAfriForum “mayingayekwa,” njengentetho enobuzaza kakhulu. “Le nto ayithethayo yokuba iANC mayigxininise ekwenzeni abantu baseMzantsi Afrika babe banye, ayihambelani nezenzo neentetho ezibangela iyantlukwano zeli qela, ezibhekiswa kwiAfriForum. Inyaniso engafaniyo nale nto ayitshoyo, yeyokuba imigaqonkqubo yalo mbutho yasekhaya neyezangaphandle yiyo ebangele umonakalo kwindlela elibonakala ngayo ilizwe laseMzantsi Afrika”. Uchaza atsho u-Uys.

Lo mbutho wamalungelo oluntu olungengorhulumente ukwatsho ngokugxininisayo ukuba intetho ethethwe nguVincent Magwenya, uSomlomo Wegumbi LikaMongameli, ethi, iAfriForum “ityala izahlukwano phakathi kweentlanga, ikwatyala noloyiko”, ayiyonyaniso nje tu. “IAfriForum isebenza kakhulu nabantu ngabantu abaphantsi kweenkokeli zesiNtu; kanti nasezidolophini ezihlala abantu beenkcubeko ezahlukileyo, isebenzela ukuphucula iindlela zokuphila zabemi beli abalapha ezantsi. Zizo kanye ezi ntetho zamagosa karhulumente anjengoMagwenya nezoosopolitiki abanjengoBhengu-Motsiri ezithi, enyanisweni, zibangele izahlukwano zobuhlanga, zimoshe nokuhlalisana ngoxolo eMzantsi Afrika. IANC ityhola iAfriForum ngento elityala labo bona ngokwabo”. Ugqibezela atsho u-Uys.

Similar Posts