IAfriForum Ivuyisana NoMbutho Wesizwe WamaBhele Ngentetho-sikhumbuzo KaNdlela KaSompisi Yokuqala
IAfriForum namhlanje iye yavuyisana noMbutho Wesizwe WamaBhele (okhunyushwa kuthiwe yiAmaBhele National Association (iAmanasso, ngokufutshane), ngokusingatha ngempumelelo iNtetho-sikhumbuzo KaNdlela KaSompisi, eyeyokuqala. Eli qumrhu lamalungelo abantu abangengorhulumente, belikho kule ntetho-sikhumbuzo; kanjalo liye lavakalisa ithemba lokuba esi siganeko siya kuba nenxaxheba ebalulekileyo kwimbadu kawonkewonke apha kweli lizwe kwixesha elizayo. Le ntetho-sikhumbuzo ibisenzelwa eThekwini ngomhla woku1 kule YeSilimela nonyakanje.
“Iyinto encomekayo le yokuba aba bantu, AmaBhele, bethatha uxanduva lokuzigcinela nokuziphakamisela ubuthile (i-identity) babo ngokwenkcubeko kwanezinto ezingamafa abo; le nto bayenza ngokwenza isikhumbuzo sabantu abakwimbali yabo ababa nendima ebalulekileyo kwimbali yabantu bakokwabo neyeli lizwe. Ukuze abantu bazazi ukuba banako ukuzakhela ikamva labo ngokwabo, kuyafuneka kakhulu ukuba babe nokuziqonda kakuhle ukuba bangoobani ngokwenkcubeko yabo, babe nelunda ngemvelaphi yabo belelo qela linaloo nkcubeko”, utsho uBarend Uys, iNtloko Yezobudlelwane NeNtsebenziswano Phakathi Kweenkcubeko, kwiAfriForum.
Kwakuthe ngo1970, AmaBhele akwiimbombo zonke zeli lizwe asebenza kunye ngokubambisana aseka iAmanasso le. Injongo yayiyeyokuba kulondolozwe izinto ezingamafa awo AmaBhele, kujongwane nemingeni yoluntu neyezoqoqosho, kuze kumanywe AmaBhele akuwo wonke lo Mmandla Wophuhliso LwaseMazantsi Afrika (iSADC), ngenjongo yokukhuthaza inkqubela.
Ke AmaBhele la ayesele azinza kwangenkulungwane ye18 kule ndawo kuthiwa namhlanje kuseMnambithi (eLadysmith) KwaZulu-Natala. Kodwa kwathi ngenxa yezenzo zongquzulwano nokubhaca kwabantu ngabantu ngexesha lasekupheleni kwenkulungwane ye18 nangelenkulungwane ye19, nabo bathi saa baya kuzinza nakwiindawo eziseMpuma Koloni naseLesotho.
UNdlela KaSompisi, lo kuthiywe ngaye olu thotho lutsha lweentetho-sikhumbuzo, ubonwa njengenkokeli ebalulekileyo kwimbali yawo AmaBhele. UNdlela wayengunyana kaSompisi KaGuqa, owahamba kunye nelinye iqela lawo AmaBhele baya kuhlala kuBukumkani BakwaZulu. Apha ke, kwathi ngeminyaka yoo1820, uNdlela, owayesaziwa ngobukroti emfazweni, wafumana iwonga kuBukumkani BakwaZulu. Kwathi emva kwethuba watyunjwa wenziwa inkulumbuso nenjengele ngukumkani wamaZulu, uDingane, waza waba ngomnye weenkokheli eziphambili zemikhosi yamaZulu ngexesha leDabi LaseNcome. Yaba nguye nowahlangula ubomi bekumkani eyalandelayo enguKumkani uMpande, ngokumazisa nokumcebisa malunga neyelenqe elalisenziwa ngumntakwabo ababedibene ngoyise, uDingane, owayeceba ukumgebenga. Wamsindisa ke nangokuthi akhokele imikhosi kaMpande eyathi yoyisa imikhosi kaDingane kwiDabi LaseMaqongqo. Ngokwenjenje, uNdlela wadlala indima enkulu ekunqandeni ukuwa kwendlu yobukhosi yamaZulu. Kanjalo, waba negalelo ekwenzeni ukuba kudaleke ubudlelwane obuhle phakathi kwabathetha iAfrikaans noBukumkani BakwaZulu ngexesha lokulawula kukaKumkani uMpande, ngeminyaka yoo1840.
U-Uys uyibona iyinyhweba enkulu le nto yokufumana ithuba lokubakho nelokwenza amazwi ambalwa kulaa Ntetho-sikhumbuzo KaNdlela KaSompisi yokuqala. “Isizukulwana sethu siphindile saba kwimeko yokuba nenyhweba yokuba senze kubekho ubudlelwane obuhle nentsebenziswano elungileyo phakathi kwala maqela eenkcubeko singawo apha eMazantsi Afrika, izinto ezo ezisekwe ekubeni samkelane futhi sihloniphane. Olu nxibelelwano lwamaqela oluntu eenkcubeko olwakheke ngale ndlela lunendima ebalulekileyo oluyenzayo ekuphumeleliseni ukuhlalisana ngenkqubela nangoxolo kuwo onke amaqela oluntu alapha kule ncam yeAfrika isezantsi,” ugqibele ngokutsho u-Uys.