I-AfriForum igxeka iSebe ngokusilela ekudluliselweni komhlaba kuluntu lwaseDennilton
I-AfriForum ifuna iimpendulo kwiSebe lezoHlengahlengiso loMhlaba noPhuhliso lwaseMaphandleni eLimpopo ngomhla wama-25 kweyeThupha emva kokuba iSebe lisilele ukuhambisa ingxelo yenkqubela phambili malunga nokudluliselwa komhlaba kumalungu eDennilton Landowners Association. Eli nyathelo lilandela imbalelwano eyathunyelwa ngumbutho wamalungelo oluntu ngalo mbandela ngoTshazipuzi nangoCanzibe kulo nyaka emva kokuba uMbutho wabanini boMhlaba uqhagamshelane ne-AfriForum ukuze ufumane inkxaso. Izicelo zokuqala zokudluliselwa komhlaba zingeniswe ngeyeNkanga 2017, kungekho nkqubela phambili ebonakalayo eyenziweyo ukusukela ngoko. Abanini bomhlaba bacele ukuba umhlaba wabo udluliselwe kubo ngokwemiqathango yoMthetho woHlengahlengiso lweTayitile zoMhlaba 111 ka-1993.
“Amalungu e-Dennilton Landowners Association ajongene nemiceli mngeni emikhulu kuba abanazo iitayitile kwiipropathi zabo. Ukufakwa kombhobho wokumpontshwa kwamanzi kunye nokwakhiwa kweziko lamandla elanga kuyaqhubeka, kodwa ukungabi nazitayitile kukwaphulwa kwamalungelo omhlaba. Kwakhona bajongene nemiceli mngeni ebangelwa ngabnatu aba ngokungekho mthethweni kwindawo yabo kwaye banenkxalabo yokuba iipropathi zabo zingadluliselwa kubantu abangenalo ibango elisemthethweni,” utshilo uBarend Uys, iNtloko yobudlelwane nentsebenziswano phakathi kweenkcubeko kwi-AfriForum.
Ukuziphatha kweSebe kuphakamisa imibuzo enzulu malunga nokuzibophelela kukarhulumente okhokelwa yi-ANC kumalungelo epropathi kunye nobunini bomhlaba. U-Uys uthi olu luntu sele lulinde phantse iminyaka elishumi ukuba umhlaba wabo udluliselwe kubo. “Ukuthetha asikokwenza – kuyacaca ukuba abasemagunyeni abalikhathalelanga nyhani ilungelo laba bemi lokuba ngabanini bomhlaba wabo. Oku kwenza i-AfriForum ikhathazeke kakhulu ngeenzame zikarhulumente eziqhubekayo zokuxhobisa amagosa kumanqanaba ahlukeneyo karhulumente ukuba ahluthe ipropathi ngaphandle kwembuyekezo.
Ngokuka-Uys, ukusilela kwabasemagunyeni ukusebenzisa ngokufanelekileyo umthetho okhoyo ukudlulisela umhlaba kubantu kunye noluntu yinto exhalabisayo. “Urhulumente ukwasilela ukusebenzisa uMthetho wokuPhuculwa kwamaLungelo obuNini boMhlaba 112 ka-1991, kwaye kwenziwe iinzame ezininzi zokurhoxisa lo Mthetho. Oku kwenzeka nangona uMthetho ulungele ukudlulisela umhlaba woluntu lwemveli kubo. Kucacile ukuba urhulumente okhokelwa yi-ANC uthintela ngabom ukuhanjiswa komhlaba ngenjongo yokulawula ngokungafanelekanga uluntu,” utshilo.
I-AfriForum ibongoza uluntu lwemveli nolunye uluntu ukuba luqalise inkqubo yokudlulisela umhlaba ngokwemiqathango yalo mthetho, ukuze kukhuselwe umhlaba wabo ukuze kuxhamle izizukulwana ezizayo.
“Ubunini bomhlaba babucala sisitshixo ekudalweni kwempumelelo,” uqukumbela u-Uys.



